17. Waphendula ke uYesu, wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”Bamangaliseka yimpendulo yakhe.
18. Kweza *nabaSadusi kuYesu (bona bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza besithi:
19. “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi lowo.’
20. Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana.
21. Wathi ke owesibini wamngena, kodwa naye wasweleka engenabantwana. Benjenjalo ke
22. bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.
23. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”
24. Wabaphendula uYesu wathi: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo.
25. Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka, àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini.
26. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’?
27. AkaThixo wabafileyo; unguThixo wabaphilayo. Ke nina nilahleke kakhulu.”
28. Kwafika omnye wabachazi-mthetho, wabeva bebambene ngemibuzo, waqonda ukuba uYesu ubaphendule kakuhle. Wambuza ke esithi: “Owona myalelo mkhulu kunayo yonke nguwuphi?”