17. Wabafundisa esithi: “Akatsho na uThixo *eziBhalweni ukuthi: ‘Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu ekuthandazelwa kuyo ziintlanga zonke’? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”
18. Bekuvile oku ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bafuna indlela abanokumbulala ngayo uYesu. Babesoyika, kuba indimbane yonke yayimangalisiwe yimfundiso yakhe.
19. Kwakuhlwa, uYesu nabafundi bakhe baphuma esixekweni.
20. Kwaza kwathi kusasa, ukubuya kwabo, bawubona umkhiwane lowo womile ukususela ezingcanjini.
21. UPetros ke ekhumbule okwezolo, wathi kuye: “Mfundisi, khangela umkhiwane owuqalekisileyo womile.”
22. Waphendula uYesu wathi kubo: “Kholwani kuThixo. Ndithi kuni, inene,
23. othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.
24. Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.
25. Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu. [
26. Ke, ukuba anixoleli, nàye uYihlo osezulwini akayi kunixolela iziphoso zenu.]”
27. Bafika ke eJerusalem kwakhona, kwaza kwathi, uYesu ehamba-hamba *endlwini kaThixo kwafika kuye ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu.
28. Bona bambuza besithi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Ingubani na kakade okunike elo gunya lokwenza ezi zinto?”
29. Waphendula uYesu wathi kubo: “Nam ndiya kunibuza mbuzo mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
30. Khanindixelele, ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”
31. Baxoxa bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningamamkeli?’