Umalaki 3:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. “Nithethe amazwi aqatha ngam,” utsho uNdikhoyo.“Kambe ke nina nithi: ‘Sithethe ntonitna ngawe?’

14. “Kaloku nithi: ‘Kulilizé ukukhonza uThixo. Kube yinzuzoni na kuthi ukugcina oko akulindeleyo? Kusincede ntoni ukuhamba okwabazilileyo phambi koNdikhoyo onamandla onke?

15. Kakade, abanekratshi ngabona bathamsanqelekileyo! Abantu abenza izinto ezimbi bayaphumelela; uThixo bayamnyola, bajike basinde.’ ”

16. Ke bona abamhlonelayo uNdikhoyo babencokola bodwa, waza weva waphulaphula uNdikhoyo. Phambi kwakhe kwabhalwa incwadi yesikhumbuzo yâbo bamhlonelayo belinika imbeko igama lakhe.

17. UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye.

Umalaki 3