1. Ke kaloku, emva kwezi zinto, iNkosi yanyula abanye abangamashumi asixhenxe anambini, yabathuma ngababini ngababini, ukuba bayandulele baye kuzo zonke iidolophu neendawo eyayiza kuya kuzo,
2. isithi kubo: “Isivuno okunene sikhulu, kodwa bona abasebenzi bambalwa. Mbongozeni ke ngoko uMnini-ntsimi, ukuba athumele abasebenzi, baye kuvuna.
3. Hambani ke. Niyabona, ndinithuma njengamatakane phakathi kweengcuka.
4. Ze ningaphathi ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazihlangu. Ze ningalityaziswa yimibuliso endleleni.
5. Nakuwuphi na umzi enithe nangena kuwo, yithini kuqala: ‘Uxolo malube nani kweli khaya!’
6. Ukuba ngaba ukho apho owoxolo, intsikelelo yenu yohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, yobuyela kwakuni.
7. Hlalani ke kwakuloo ndlu, nitye nisele oko nikunikwayo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuthi nihleli ndlwini ithile, nimke kuyo, niye kuhlala kwenye kwalapho.
8. Edolophini ke enithe nangena kuyo, baza banamkela, kutyeni ukutya enikunikwayo,
9. niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’
10. Kuloo dolophu nithe nangena kuyo, baza àbanamkela, ze niphume niye ezitalatweni zayo, nithi:
11. ‘Nothuli olu lwedolophu yenu olusezinyaweni zethu, siluvuthululela kuni. Kodwa ke kwazini oku: Ulawulo lukaThixo luthwasile!Okanye: “Ubukumkani bukaThixo busondele”’