Ujeremiya 51:44-57 Ibhayibhile (XHO96)

44. Ndiya kumohlwaya uBhele uthixo weBhabheli,ndimenze akuhlanze oko akuginyileyo.Iintlanga aziyi kuba saxhontelana kuye,nodonga lweBhabheli luya kuwa.

45. “Phumani kuyo, nina bantu bam,elowo nalowo asindise ubomi bakhe.Kubalekeni ukuvutha komsindo kaNdikhoyo.

46. Musani ukutyhafa okanye noyike xa nithe neva amarhe elizweni.Amarhe aya kulandelana minyaka le,amarhe ogonyamelo elizweni,amarhe okuvukelanakwabaphetheyo.

47. Inene, iyeza imini yokuba ndizohlwaye izithixo zaseBhabheli.Ilizwe layo lonke liya kuhlaziswa,izidumbu zababuleweyo ziya kuqungquluza phakathi kuyo.

48. Ngenxa yeBhabheli kuya kumemelela izulu nomhlabanento yonke ekhoyo phezulu naphantsi.Kaloku iza kuhlaselwa ngababhuqi bevela ngasentla.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

49. “IBhabheli iza kuwa ngenxa yababuleweyo bakwaSirayeli,kanye njengokuba ababuleweyo behlabathi lonkebawayo ngenxa yeBhabheli.

50. Nina nisindileyo ekreleni, yimkani ningaphozisi maseko!Mkhumbuleni uNdikhoyo ezweni elikude,ihlale isezingcingeni zenu iJerusalem.”

51. “Sihlazekile, kuba sive ingcikivo;ihlazo ligubungele ubuso bethu.Kaloku iintlanga zingene ezindaweni ezingcwele zendlu kaNdikhoyo.”

52. “Kambe iyeza imihla endiya kuyohlwaya imifanekiso eqingqiweyo,bancwine ezweni lonke laseBhabheli abangxwelerhekileyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

53. “Nokuba iBhabheli ithe yaphakama yaya kufikelela ezulwini,nokuba iyinqaba ephakamileyo neyomeleleyo kangangoko,ndiya kuyithumela umbhukuqi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

54. “Phulaphulani!Kuvakala isikhalo eBhabheli,isandi sobhukuqo olukhulu ezweni lamaKaledi,

55. kuba uNdikhoyo uyayibhukuqa iBhabheli,uyayiphelisa ingxokozelo yayo enkulu.Iintshaba ziya kugaleleka ngathi ngamaza amakhulu elwandle;kuya kuvakala isandi sengxolo yazo.

56. IBhabheli iya kufikelwa ngumbhukuqi,abanjwe amagorha ayo,ziqhawulwe izaphetha zawo.Kaloku nguThixo wempindezelo uNdikhoyo;yena ubuyekezangokupheleleyo.

57. Ndiya kuzinxilisa iziphathamandla nezilumko zayo,kwakunye neerhuluneli namagosa namagorha ayo.Baya kulala ubuthongo, bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo weKumkani egama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

Ujeremiya 51