Ujeremiya 50:30-35 Ibhayibhile (XHO96)

30. Ke ngoko amadodana ayo aya kuwa ezitalatweni,amajoni ayo aphele loo mini.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

31. “Uyabona, ndikuchasile, ntondini izidlayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo iNkosi enamandla onke.“Ifikile imini yakho;ligalelekile ixesha lakho lokohlwaywa.

32. Lo uzidlayo uza kukhubeka awe,kungabikho bani umvusayo.Ndiza kuphemba umlilo ezidolophini zakhe,utshise bonke abamngqongileyo.”

33. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Aphantsi kwengcinezelo amaSirayeli,kwanamaJuda ngokunjalo.Avalelwe ngabo bantu athinjwe ngabo;abavumi ukuwandulula.

34. Kambe uMkhululi wawo womelele;nditsho lo ugama linguNdikhoyo onamandla onke.Uya kuwalamlela kwabo bawachasayo,alinike inzolo ilizwe lawo,abagungqise abemi baseBhabheli.

35. “Ikrele maliwafikele amaKaledi nabemi baseBhabheli,bekunye neziphathamandla nezilumko zayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Ujeremiya 50