Ujeremiya 50:19-38 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ke yena uSirayeli ndiya kumbuyisela edlelweni lakhe,adle eKarmele naseBhashan,ahluthe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi.

20. Ngaloo mihla nangelo xesha,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli,kodwa bungabikho;ziya kufunwa nezono zikaJuda,kodwa zingafumaneki.Kaloku ndiya kuwaxolela loo masalela ndiwasindisayo.

21. “Lihlasele ilizwe laseMeratayim nabemi basePekode;babulale ubatshabalalise ngokupheleleyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Kwenze konke endikuyalele kona.

22. Isithonga semfazwe sivakala elizweni,isandi sobhukuqo olukhulu.

23. Nantso intlekekile ihamile eyayikhanda ihlabathi!Hayi ukuba ngamanyumnyezi kweBhabheli phakathi kweentlanga!

24. Ndikuthiyele, Bhabheli,wabanjiswa ungaqondi.Ufunyenwe, wabhajiswa,kuba uchasene noNdikhoyo.

25. UNdikhoyo ubavulile oovimba bakhe,wazikhupha izikhali zengqumbo yakhe,kuba iNkosi uNdikhoyo enamandla onkeinomsebenzi ezweni lamaKaledi.

26. Yihlaseleni iBhabheli, nivela macala onke.Zivuleni izisele zayo,nizifumbe izidumbu zibe ngathi ziimfumba zombona.Ewe, tshabalalisani ngokupheleleyo,kungabikho masalela.

27. Zigwazeni zonke iinkokheli zayo;mazibe ngathi ziinkunzi ezixhelwayo.Yeha ke, bona! Imini yabo ifikile;ixesha labo lokohlwaywa ligalelekile.

28. Phulaphulani!Ababalekileyo basinda ezweni laseBhabheli bayathetha eZiyon;babhengeza impindezelo kaNdikhoyo uThixo wethu,nditsho ukuziphindezela kwakhe ngenxa yendlu yakhe.

29. “Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli,bona bonke abatyeda isaphetha.Yingqingeni macala onke,kungabikho bani uphuncukayo.Yibuyekezeni ngokwezenzo zayo;yenza kuyo njengoko yona yenze kwabanye.Kaloku imdelile uNdikhoyo uYedwa kaSirayeli.

30. Ke ngoko amadodana ayo aya kuwa ezitalatweni,amajoni ayo aphele loo mini.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

31. “Uyabona, ndikuchasile, ntondini izidlayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo iNkosi enamandla onke.“Ifikile imini yakho;ligalelekile ixesha lakho lokohlwaywa.

32. Lo uzidlayo uza kukhubeka awe,kungabikho bani umvusayo.Ndiza kuphemba umlilo ezidolophini zakhe,utshise bonke abamngqongileyo.”

33. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Aphantsi kwengcinezelo amaSirayeli,kwanamaJuda ngokunjalo.Avalelwe ngabo bantu athinjwe ngabo;abavumi ukuwandulula.

34. Kambe uMkhululi wawo womelele;nditsho lo ugama linguNdikhoyo onamandla onke.Uya kuwalamlela kwabo bawachasayo,alinike inzolo ilizwe lawo,abagungqise abemi baseBhabheli.

35. “Ikrele maliwafikele amaKaledi nabemi baseBhabheli,bekunye neziphathamandla nezilumko zayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

36. “Ikrele malibafikele oosiyazi bayo,basuke babe ziziyatha.Ikrele maliwafikele amagorha,asuke abe ngamagwala.

37. Ikrele maliwafikele amahashe neenqwelo,kwanawo onke amajoni engqesho ayo,asuke abe njengabafazi.Ikrele malibufikele ubuncwane bayo,busuke buphangwe.

38. Ukubalela makuwafikele amanzi ayo,asuke atshe.Kuba kaloku ililizwe lemifanekiso yezithixo,izithixo eziya kutsho zigeziswe kukothuka.

Ujeremiya 50