1. *UNdikhoyo wathetha nam wathi: “Thatha ithwathwa elikhulu lokubhala, ubhale cacileyo uthi: ‘Phangamaxhoba.’
2. Ngokunjalo ke thatha amadoda amabini athembekileyo, umbingeleli u-Uriya noZakariya unyana kaYebherekiya, abe ngamangqina am.”
3. Emva koko ke inkosikazi yam yakhawula, yaza yazala unyana. UNdikhoyo ke wathi igama lakhe malibe nguPhangamaxhoba.
4. Waqhuba wathi: “Kothi loo nkwenkwe ingekakwazi nokuthi: ‘Mama,’ okanye: ‘Tata,’ bube bonke ubutyebi baseDamasko, ngokunjalo namaxhoba aseSamariya, selethathwe ngukumkani waseAsiriya.”
5. Uphindile *uNdikhoyo wathetha nam,
6. wathi: “Ngenxa yokuba aba bantu bewamangele amanzi ankcenkceza eShilowa, futhi bemvuyelela ukumkani uRezin nokumkani uPeka,
7. mna ndiza kubazisela irhuluneli yaseAsiriya kunye nemikhosi yayo, imhlasele uJuda. Ukugaleleka kwayo iya kuba ngathi kukuzalisa nokutyekeza komlambo omkhulu iEfrati.
8. Ukungena kwawo kwelakwaJuda lo mkhosi uya kukhukulisa okomlambo ozeleyo. Wosuka uyinabise imisinga yawo, ngayo ulintywilisele eli lizwe jikelele. Tarhu, Imanuweli!
9. “Ke nina zintlanga, hlaban' umkhosi ninkwantye!Nina zizwe, bekan' indlebe niphulaphule!Qulani niligangathe – kodwa ke – rhorho!Xhobani nif' amacala – niza kuthi shuu!
10. Noba ningade nicebisane, yoba lilize elo;ningathwesana nje kodwa soze niphumelele,kuba kaloku uThixo unathi.”
11. *UNdikhoyo wandibamba ngesandla, wandilumkisa ukuze ndingazilandeli iindlela zaba bantu, wathi:
12. “Izinto abathi liyelenqe wena sukuvuma ukuba ziliyelenqe, ungazixhaleli nezinto abazoyikayo bona.