12. Abanye benu baya kuwakha amabhodlo akudala;iziseko zamandulo ziya kuvuswa.Kothiwa ningabakhi beendonga eziwileyo,abavusi bezitalato ukuze kumiwe kuzo.”
13. *UNdikhoyo ke uthi:“Ukuba nithe ke nawuhlonela *uMhla wokuPhumla,nayeka ukuzikholisa ngalo mhla wam uwodwa,xa nithe nawulangazelela lo mhla,ukuba niyawuxabisa umhla kaNdikhoyo,ngawo ningenzi misebenzi iyeyenu,niyeke ukuzonwabisa ngawo nokuthetha ngokungakhathali,
14. uNdikhoyo ke uya kunonwabisa,animise nasezintabeni,nixhamle ilifa lokhokho wenu uYakobi.”Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.