4. UNdikhoyo uthethe nam wenjenje:“Abelusi bangafanelana beqobisa ngemikhwazo,kodwa ngunotshe ukuba bayothuse ingonyama,ingakumbi xa seyilibambile ixhoba layo.Ngokunjalo nam ke akukho bani unokundinqandaekuyikhuseleni kwam intaba iZiyon,mna Ndikhoyo uSomandla.
5. Njengentaka ikhusela amathole ayo,nam, mna Ndikhoyo onguSomandla-onke,ndiya kwenjenjalo ukuyihlanganisela iJerusalem.Ewe, ndoyikhusela ndiyikhulule;ndogqitha kuyo ndiyisindise.”
6. UNdikhoyo uthethe wathi: “MaSirayeli, nonile ngokundifulathela. Ngoko ke ngoku buyani!
7. Kaloku iyeza imini apho nonke niya kulilahla eli zothe liyile mifanekiso niyiqingqe ngesiliva nangegolide.
8. “UAsiriya ke yena wofela emfazweni.Phofu ke akayi koselwa krele lamntu:kovela krele limbi, lisuke limngxwelerhe.Kweso sithuba ke wosuka aswantsule,abafana bakhe ke bona benziwe amakhoboka.