Uhosiya 4:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Hoyina; hoyina, maSirayeli!Phulaphulani ilizwi *likaNdikhoyo!Kaloku uNdikhoyo unesikhalazo,umangalela abemi beli lizwe:“Akukho tu ukunyaniseka nokuthembeka;akazelwe nto uThixo kweli lizwe.

2. Intw' ekhoyo kukuqalekisa,ukuxoka, ukubulala, ukûba, nokukrexeza.Kugquba ubugebenga;igazi liphalala liphalele.

3. Ngenxa yoko ilizwe lingumqwebedu,nabo bonke abemi balo bayankolonkoza,ngokunjalo oozilwanyana noozintaka;nkqu neentlanzi elwandle phaya ziyafa.”

4. “Akafumani amangalelwe umntu,asuke nje atyholwe ngomnye,kodwa mna ndiza kuwamangalela amawenu, mbingelelindini!

5. Ùza kukhubeka uwe emini wena,nomshumayeli akhubeke awe kunye nawe ebusuku;ewe, nkqu nonyoko ndomcim' igama.

6. Kaloku abantu bam bayatshabalalangenxa yokuswela ulwazi ngam.“Kaloku uyalubukula ulwazi ngam;nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam.Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho;andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.

7. “Okukhona baye besanda ababingeleli,kokukhona kwandayo nokundona kwabo.Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.

8. Bona batya ngezono zabantu bam;eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.

9. Ngoko ke mna ndobopha ngentamb' enye,ndingakhethi mntu nambingeleli,ndibohlwaye bonke ngenxa yeendlela zabo,ndibabuyekeze ngenxa yeentlondi zabo.

10. Boba ngatya, banganeli noko;boba ngahenyuza, bangandi kodwa;kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,

Uhosiya 4