3. Ndathi kuye: “Uzuzigcinele mna imihla emininzi, ukuyeke ukuhenyuza oku, ungabi ngowandoda yimbi. Nam ke ndokwenjenjalo.”
4. Kuba kaloku amaSirayeli oba nethuba elide engenakumkani natshawe, kungekho dini litshiswayo nalitye linqulwayo, *engenasidanga *namilondekhaya.
5. Kamva ke amaSirayeli aya kubuya amfune uNdikhoyo uThixo wawo, nokumkani wawo uDavide. Ngemihla yokugqibela aya kuza kuNdikhoyo ngoloyiko, efuna iintsikelelo zakhe.