Uhosiya 11:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. “USirayeli ndamthanda kwasebuncinaneni bakhe;ndambiza ukuba aphume eJiputa unyana wam.

2. Ndaba ngakhwaza ndimbiza uSirayeli,suka waya ebhekela kum.Baphikela ukunikela *kooBhali;imifanekiso eqingqiweyo bayenzela iziqhumiso.

3. Kodwa ndim ofundise uEfrayim ukucathula;ndim owamthi chu ngengalo.Kodwa abaqondi ukuba ndim obanyangileyo.

4. Bona ndabakhokela ndinovelwano;ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele.Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo,ndaza ndathoba ndabafunzela.

5. Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa,kodwa uAsiriya uya kubalawula.Kaloku abavumi ukubuyela kum.

6. Ezixekweni zabo komenyezel' ikrele.Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,liwaphanzise namacebo abo.

7. Abantu bam bazimisele ukundishiya.Noba bangade bakhale kOphezu-konkeyena soze abaphakamise.

8. “Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,ndikwenze ufane neZebhoyim?Intliziyo yam iguqukile ngakuni;imfobe yam itsho yavuseleleka.

Uhosiya 11