13. Kambe ke nihlwayele inkohlakalo,naza ke navuna kwayona.Nizixhamle iziqhamo zokukhohlisa.Kaloku suka nakholosa ngobugorha benu,naqamela ngobuninzi bamajoni.
14. Anikho sisidube-dube semfazwe;zonk' iinqaba zenu zotshatyalaliswanjengoShalman mhla ngedabi,mini wavuthulula iBhetarbhele,abadlezana bagileka bawaneentsana zathi geqe phaya.
15. Bantundini baseBhetele, nakuni kuya kuba njalongenxa yobukhulu benkohlakalo yenu.Ewe, ukuthwasa kwaloo miniukumkani kaSirayeli wotshabalala.