Uhosiya 10:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. USirayeli wayenjengomdiliya othe xazalala,ovelisa iziqhamo ngexesha lazo.Kanti ngokwanda kwezo ziqhamowenjenjalo nokwandisa amaqonga.Ngokwanda kwenkqubela yelizwewenjenjalo ukuzihombisa neentsika zakhe.

2. Intliziyo yabo iyinkohliso!Ngoku baza kuvuna leyo bayilimileyo.*UNdikhoyo wowadiliza amaqonga abo,azisiphule ezo ntsika zabo.

3. Kaloku ngoku baza kuthi:“Thina asinaye ukumkani,kuba kaloku asimhloneli uNdikhoyo.Ukuba besinaye ke,angasenzela ntoni ukumkani?”

4. Ewe, bathetha amazwi alambathayo;benza izibhambathiso zelize;bangena kwiminqophiso ephuthileyo.Suka ke ukubambana kwabo ezinkundlenikwafana nokhula oluyityhefuoluhluma emasimini alinyiweyo.

5. AbaseSamariya ke bayangcangcazelangenxa yethole laseBhetaven.Abemi bakhona botsho ngesijwili;nababingeleli balo baya kulililelangenxa yokutshitsha kwesidima salo.

6. Loqweqwediselwa eAsiriya;liya kuba ngumrhumo kukumkani uYarebhi.UEfrayim uya kuhlaziswa,uSirayeli abe neentloni ngecebo lakhe.

7. Ukumkani waseSamariya wonqanyulwa;wothi shwaka ngathi luluthi emanzini.

8. Asisathethi ke ngamaqonga asezindulini,kuba wona aya kutshatyalaliswa.Angundoqo wesono sikaSirayeli.Kokhula ameva kunye nenkunzane,atsho angabonakali amaqonga abo.Ngoko bosuka bathi ezintabeni:“Siweleni, nisifihle!”ezindulini bathi: “Sigqumeleleni!”

9. Kusukela kwimihla yaseGibheyauthe rhoqo ukona, Sirayeli.Ewe, awushenxanga kulo mkhwa.Kwenzeka ntoni na eGibheya?Andithi bagutyungelwa yimfazwe?

10. Ndosuka ndibohlwaye abanxaxhayo,nditsho olu hlanga lonayo.Izizwe ziya kuluhlanganyela;ewe, zona ziya kulukhonkxa ngesi sono siphinda-phindeneyo.

Uhosiya 10