16. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Wena uza kufa ngoku. Wakuba ufile, aba bantu baza kukreqa, bandilahle, banqule *oothixo abanqulwa kwelo lizwe baza kuma kulo ngoku, bawutyeshele umnqophiso endawenza nabo.
17. Yakwenzeka loo nto ndiya kuvutha ngumsindo, ndibalahle, ndibafulathele, batshabalale. Baya kuhlelwa ziinzingo bahlupheke. Ngaloo mini baya kuvakala besithi: ‘Kunje nje nje kungenx' enokuba uThixo wethu engasekho ngakuthi.’
18. Inene, ngaloo mini ndiya kubafulathela ngenxa yabo bonke ububi ababenzileyo ngokubhenela kwabanye oothixo.
19. “Ngoko ke bhala le ngoma, uyifundise amaSirayeli, ayicule, ibe lingqina lomnqophiso wam kunye nawo.
20. Kaloku ndiza kuwangenisa kuloo mhlaba wobisi nobusi ndathembisa ngawo ooyise-mkhulu. Akuxhamla loo ntlala-kahle osuka akreqe, anqule thixo bambi, andidele, awutyeshele umnqophiso wam.
21. Kweso sithuba ke aya kuhlelwa yintlekele nentlupheko. Ke yona le ngoma iya kuba isaculwa sisizukulwana, ibe lingqina elidandalazisa isono samaSirayeli. Andithi na kaloku, kanye ngoku ndingekawangenisi nokuwangenisa kwelo lizwe ndawathembisa ngalo, sendiyibona imikhwa yawo.”
22. Kwangaloo mini ke uMosis wayibhala ingoma leyo, wayifundisa amaSirayeli.
23. UNdikhoyo ke wamyalela wenjenje noYoshuwa unyana kaNune: “Qina ukhaliphe, kuba nguwe oza kukhokela amaSirayeli, uye kuwangenisa kwelo lizwe ndawathembisa ngalo ngesifungo; ibe ke mna ndiza kuba nawe.”
24. Ke kaloku uMosis wawabhala encwadini amazwi alo mthetho, akashiyelela nento le.
25. Akuba egqibile ke wayalela ababingeleli babaLevi ababejongene netyesi yomnqophso kaNdikhoyo, wathi:
26. “Thathani, nantsi ke incwadi yomthetho. Yibekeni ecaleni letyesi yomnqophiso kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze ibe lingqina likaNdikhoyo ngamaSirayeli.
27. Kaloku ndiyanazi ukuba nizizibhoja ezinenkani. Ngexesha lokudla kwam ubomi benivukelana naye uNdikhoyo; nobeka phi na ukumvukela xa ndingasekhoyo?
28. Ngoko ke khanihlanganise amadoda amakhulu ezizwe zakowenu neenduna zenu, ukuze ndiwaxelele ezi zinto. Ndiza kubiza amazulu nehlabathi, ukuze andingqinele.
29. Kaloku ndiyazi ukuba xa ndingasekho niya kuba ziinjubaqa, niphambuke kule ndlela ndiniyalele yona. Kananjalo ke, kumaxesha ezayo, niya kuhlelwa ziintlekele ngenxa yokuba nixhokonxa uNdikhoyo ngobubi bezithixo ezenziwe zizandla zenu.”
30. Ke kaloku uMosis yena wawucengceleza wonke lo mbongo, amaSirayeli wona ephulaphule: