Uhlaziyo-Mnqophiso 29:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. Umhlaba wabo ke sawuthimba, sawahlulela indlu kaRubhen nekaGadi ngokunjalo nesiqingatha sakwaManase.

9. Ngoko ke yithobeleni ngenyameko imiqathango yalo mnqophiso, khon' ukuze nibe nempumelelo kuyo yonke into eniyenzayo.

10. “Namhlanje ke nimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nina xa ninonke – iintloko zezindlu zakuni, amadoda amakhulu, amaphakathi namadoda akwaSirayeli ephela,

11. abafazi nabantwana benu, nabangeneleli abacanda iinkuni nabakha amanzi.

12. Nilapha ke khon' ukuze nifungiswe nibopheleleke kumnqophiso noNdikhoyo uThixo wenu,

13. ukuze uNdikhoyo animisele nibe ngabantu bakhe ncakasana, yena ke abe nguThixo wenu ngokwesithembiso sakhe nanjengoko wafungayo kooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi.

14. Lo mnqophiso ke ngokunjalo nesi sifungo uNdikhoyo akasenzi nani kuphela,

15. koko usenza nabo bonke, nabangekhoyo apha namhlanje, ngokunjalo nani nina nimi phambi kwakhe namhlanje.

16. “Niyazi ukuba kwakunjani na kwelaseJiputa; futhi nisayikhumbula indlela esahamba ngayo sicanda kwimihlaba yezinye izizwe.

Uhlaziyo-Mnqophiso 29