2. UMosis wawahlanganisa ndawonye amaSirayeli, waza wathetha nawo wenjenje: “Nizibonele ngokwenu into eyenziwe nguNdikhoyo kukumkani waseJiputa, nakumaphakathi akhe, nelizwe lakhe liphela.
3. Nizibonile izibetho ezirhwaqelisayo, imiqondiso, nemimangaliso ayenzileyo uNdikhoyo.
4. Kanti unanamhla akaninikanga ingqondo yokuqiqa, namehlo okubona, neendlebe zokuva.
5. Kule minyaka ingamashumi amane ndinikhokela entlango, impahla yenu yokunxiba, ngokunjalo neembadada zenu, azikhange ziguge.
6. Beningenasonka nawayini natywala, kodwa uNdikhoyo unilungiselele, khon' ukuze nimqonde ukuba unguNdikhoyo uThixo wenu.
7. Sithe ke sakufika kulo mhlaba baphuma beza kusihlasela ookumkani uSihon waseHeshbhon nokumkani uOgi waseBhashan. Kambe ke saboyisa.
8. Umhlaba wabo ke sawuthimba, sawahlulela indlu kaRubhen nekaGadi ngokunjalo nesiqingatha sakwaManase.
9. Ngoko ke yithobeleni ngenyameko imiqathango yalo mnqophiso, khon' ukuze nibe nempumelelo kuyo yonke into eniyenzayo.
10. “Namhlanje ke nimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nina xa ninonke – iintloko zezindlu zakuni, amadoda amakhulu, amaphakathi namadoda akwaSirayeli ephela,