10. “Namhlanje ke nimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nina xa ninonke – iintloko zezindlu zakuni, amadoda amakhulu, amaphakathi namadoda akwaSirayeli ephela,
11. abafazi nabantwana benu, nabangeneleli abacanda iinkuni nabakha amanzi.
12. Nilapha ke khon' ukuze nifungiswe nibopheleleke kumnqophiso noNdikhoyo uThixo wenu,
13. ukuze uNdikhoyo animisele nibe ngabantu bakhe ncakasana, yena ke abe nguThixo wenu ngokwesithembiso sakhe nanjengoko wafungayo kooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi.