Uhlaziyo-Mnqophiso 28:59-68 Ibhayibhile (XHO96)

59. wena ngokunjalo nenzala yakho úya kunibetha ngezithwakumbe ezingaqhelekanga nezingaphele ndawo, nezifo ezoyikekayo ezingeva yeza.

60. Uya kukuzisela ezaa zifo zaseJiputa wawuzoyika kunene, zaye ke zona ziya kunamathela kuwe.

61. “Ngaphezu koku uNdikhoyo uya kukuthumela ngazo zonke iindidi zezifo nezithwakumbe, nditsho nezo zingaxelwanga kule ncwadi yomthetho; ke zona ziya kukutshabalalisa.

62. Nokuba nande nada nayinyambalala enjengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, liqaqobana nje eliya kusinda, kuba kaloku ningamthobelanga uNdikhoyo uThixo wenu.

63. Kwanjengokuba uNdikhoyo wayenemihlali ngani waza waninika inkqubela wanandisa, kuya kuba kwanjalo ukunivuthulula nokunitshabalalisa kwakhe. Niya kuncothulwa nifuduswe kweli lizwe ningena kulo ngoku.

64. “UNdikhoyo uya kukusasaza ezizweni jikelele, ehlabathini liphela, apho ke uya kunqula *oothixo abenziwe ngomthi nabenziwe ngamatye, thixo abo ungazange ubanqule ngaphambili, bengazange banqulwa ngooyihlo-mkhulu.

65. Soze ufumane nzolo naphi naphi, ungasoze ufumane nandawo yakuphumla. UNdikhoyo uya kukubetha ngonxunguphalo, ukuphalala, nokuncama.

66. Ubomi bakho buya kuhlala busemngciphekweni. Imini nobusuku uya kuhlala ududa luloyiko, usoloko uxhalele ukufa.

67. Uya kuba liphakuphaku ngenxa yobubi obubonayo. Kuya kuthi kwakuba kusasa uthi: ‘Akwaba belitshona,’ uthi ke lakutshona: ‘Akwaba beliphuma.’

68. UNdikhoyo uya kukubuyisela eJiputa ngeenqanawa, nangona nje ndandithe soze uphinde ubuyele khona. Apho ke uya kuzama ukuzithengisa kwiintshaba zakho, kodwa ke akukho bani uya kuze akuthenge.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 28