3. yaza nayo yamala yambhalela incwadi yokwahlukana yamgxotha, okanye ke mhlawumbi le ndoda yakhe yesibini isuke yatshaba,
4. laa ndoda yakhe yokuqala ayinalungelo lokuphinda imthathe. Kaloku ngoku *unomlaza. Xa ingasuka imthathe kwakhona yoba lisikizi elo *kuNdikhoyo. Ngoko ke elo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho ungaze *uligqwalise ngamasikizi anjalo.”
5. “Indoda esandula ukuthath' umfazi mayingaphumi nomkhosi. Nakuwo nawuphi na umsebenzi onjalo mayikhululeke ixesha elingangonyaka, khon' ukuze ihlale ekhaya yonwabe nomkayo.
6. “Xa kukho into oyiboleke omnye umntu, sukumenza abambise ngelitye lakhe lokusila, nditsho nkqu imbokotho; kaloku ngolo hlobo loo mzi ungaba wohluthwe indlela yawo yokwenza ukutya.
7. “Nawuphi na umntu oqweqwedise umSirayeli, waza wamenza ikhoboka lakhe, okanye wamthengisa ukuze abe likhoboka, makabulawe. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.
8. “Xa kukho umntu ogula sisifo solúsu, yenza ngenyameko kanye ngokwemigqaliselo oyinikwa ngababingeleli; yenza ngokwemiyalelo endabanika yona.
9. Yikhumbule into awayenzayo *uNdikhoyo uThixo wakho kuMiriyam ngokuya naniphuma kwelaseJiputa.
10. “Xa kukho into oyiboleke umntu othile, sukungena endlwini yakhe xa uye kulanda impahla abambisa ngayo;
11. linda phandle, ibe nguye oyizisayo.
12. Ukuba lo mntu lihlwempu, le mpahla yakhe ke mayingalali kuwe,
13. koko yibuyisele kuye ukutshona kwelanga, kuba uyayifuna ngexesha lokulala. Úya kuthamsanqeliswa ke nguloo mntu, nesenzo sakho sibe sesobulungisa emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakho.
14. “Isicaka osiqeshileyo esisweleyo sukusiqhatha noba singumSirayeli okanye siyintlanga ehlala kwakwezo dolophu zenu.
15. Yonke imihla ukutshona kwelanga mhlawule ngomsebenzi wakhe; kaloku loo mali uyayifuna, uqamele ngayo. Xa ungamhlawuli uya kukuxela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.
16. “Abazali mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabantwana babo, nabantwana mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabazali babo; umntu makabulawe ngenxa yesono asenze ngokwakhe.
17. “Uzungayigqwethi inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama. Xa umhlolokazi eboleke ulutho, sukuyithatha ingubo yakhe abambisa ngayo.