2. Kodwa ke ukuba umniniyo uhlala kude okanye akuyazi ukuba yekabani na, yithathe uyigcine kwakho. Akufika ke umniniyo eyifuna mnike.
3. Yenza kwaloo nto nokuba yidonki okanye yimpahla yokunxiba oyicholeyo, nayo nantoni na yomwenu elahlekileyo.
4. “Ukuba idonki okanye inkomo yomwenu ibuthisile, sukugqitha nje; mncedise niyiphakamise.
5. “Abafazi mabanganxibi iimpahla zamadoda, ngokunjalo namadoda makangazinxibi iimpahla zabafazi, kuba abantu abenza imikhuba elolo hlobo banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho.
6. “Ukuba ubonisele intaka emthini okanye phantsi, waza wafumanisa ukuba imazi leyo iyafukama okanye inamathole, sukuyibamba uyithathe imazi leyo.
7. Amathole wona ungawathatha, kodwa ke yena unina myeke, khon' ukuze uxhamle ubomi obude obunenkqubela.
8. “Xa usakha indlu yenzele ungqameko apha emaphethelweni ephahla, khon' ukuze ungabi natyala lakubulala xa umntu ewe khona waza wafa.
9. “Entsimini olime kuyo idiliya sukulima nesinye isityalo, hleze ungafumani sivuno kuzo zombini.
10. Ungaze ubophe inkomo kunye nedonki xa ulimayo.
11. Ungaze unxibe impahla engumxube, uboya kunye nomchako.
12. “Impahla yakho yenzele amanquma kumasondo omane.”
13. “Kungenzeka ukuba indoda izeke, ize kamva idikwe ngumfazi lowo,
14. imnyelise ngokuthi: ‘Ndamzeka, ndaza ndathi ndakusondela kuye ndabhaqa into yokuba akayontombi.’
15. “Kumbandela onje ke abazali bomfazi baya kuthatha ubungqina bobuntombi, baye nabo enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.
16. Wothetha enjenje ke uyise: ‘Lo mfo wathatha le ntombi yam ukuba ibe ngumkakhe; kodwa ngoku udikiwe yiyo.
17. Uyayityhola ngokuthi: “Kuthe kanti ibingeyontombi.” Kambe ke, nabu ubungqina obudiza ubuntombi bomntwan' am; khangelani, niyayibona le ngubo; injani?’