Uhlaziyo-Mnqophiso 22:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ukuba ubhaqa inkomo okanye igusha yomwenu ilahleka, sukuyijonga nje, koko yinqande uyigoduse.

2. Kodwa ke ukuba umniniyo uhlala kude okanye akuyazi ukuba yekabani na, yithathe uyigcine kwakho. Akufika ke umniniyo eyifuna mnike.

3. Yenza kwaloo nto nokuba yidonki okanye yimpahla yokunxiba oyicholeyo, nayo nantoni na yomwenu elahlekileyo.

4. “Ukuba idonki okanye inkomo yomwenu ibuthisile, sukugqitha nje; mncedise niyiphakamise.

Uhlaziyo-Mnqophiso 22