Uhlaziyo-Mnqophiso 20:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. Phambi kokuba uhlasele makuze umbingeleli, afike athi apho emkhosini:

3. ‘Hoyina, maSirayeli! Namhla ilizwe lifile! Kambe ke sanukuba nantaka, ningabi nadyudyu! Musan' ukuphaphazela!

4. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uya kuba nani; nguye oza kunilwela anithwes' uloyiso.’

5. “Ke zona iinduna ziya kubhekisa emkhosini zithi: ‘Ngaba kukho ndoda na apha kuni esandula ukwakha indlu, kodwa ingekayivuli? Xa kunjalo ke lowo makabuy' umva agoduke. Kungenjalo, xa athe akabuya emfazweni, loo ndlu yakhe iya kuvulwa mntu wumbi.

6. Ngaba kukho indoda esandula ukutyala isidiliya, kodwa ingekavuni kuso? Xa kunjalo ke leyo mayibuy' umva; kungenjalo, xa ithe ayabuya emfazweni, loo wayini yayo iya kuxhanyulwa mntu wumbi.

7. Ngaba kukho indoda elobolayo na apha phakathi kwenu? Xa ikho mayibuye umva; hleze ithi xa kwenzekile ayabuya emfazweni, lowo owayeza kuba ngumkayo atshatwe yindoda yimbi.’

8. “Kwakhona iinduna ziya kubuzisa zithi: ‘Ngaba kukho indoda enentliziyo kanina na apha? Xa kunjalo ke mayibuy' umva, hleze isulele namanye.’

9. Ziya kuthi ke zakukhov' ukwenjenjalo iinduna ezo, ibutho ngalinye limiselwe izinxiba-mxhaka zalo.

10. “Xa uya kuhlasela isixeko, abemi baso qala ubaphe ithuba lokuzinikezela.

11. Xa bathe bavula amasango bezinikezela, bonke baya kuba zizicaka zakho bakusebenzele.

12. Kambe ke xa abemi abo bengafuni kunikezela, bekhetha ukulwa, umkhosi wakho mawusingqinge eso sixeko.

13. Akuba ekuvulele ke uNdikhoyo uThixo wakho ukuba uhlasele, tshabalalisa yonke into eyindoda apho.

14. Kambe ke ungabathimba abafazi, nabantwana, nemfuyo, nako konke okulapho kweso sixeko. Ungayisebenzisa yonke into elixhoba oyithimbe kolo tshaba lwakho; uNdikhoyo uThixo wakho ukuphile.

15. Uya kwenjenjalo ke xa usilwa nezixeko ezikude, nditsho ezingezizo ezeentlanga eziningqongileyo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 20