31. nasentlango. Andithi kaloku yena wanibeleka njengoko uyise enjenjalo kunyana wakhe, yonke loo ndlela kude kube ngoku?’
32. Kodwa ke, nakuba kunjalo, animthembanga uNdikhoyo uThixo wenu,
33. kanti nguye owayesoloko enikhokela ade anifunele nendawo eningamisa kuyo. Ewe, kaloku wayenikhokela ngelangatye lomlilo ebusuku, ukuze niyibone indlela emanihambe ngayo, aze anikhokele ngomqulu welifu emini.”
34. “Ke kaloku *uNdikhoyo akuziva izikrokro zenu wakhathazeka, wada wafunga wathi:
35. ‘Inene, akukho namnye kuni, sizukulwanandini esigwenxa, uya kungena kwelo lizwe lihle kunene ndabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu.
36. Kuphela longenwa nguKalebhi unyana kaJefune. Kaloku yena wahlala enyanisekile kum, ndaye ke elo lizwe walihlolayo ndiza kulinikela kuye nesizukulwana sakhe.’
37. “Kwakukwangenxa yenu ukuze uNdikhoyo akhathazeke, athi kum: ‘Nawe ngokwakho soze uthi cakatha kwelo lizwe.
38. Kambe ke ihlakani lakho, uYoshuwa unyana kaNune, nguye oya kulingena elo lizwe; mkhuthaze, kuba nguye oya kungenisa uSirayeli kwelo lizwe elililifa lakhe.’
39. “Ngaphezu koko ke uNdikhoyo wathi: ‘Ngabantwana benu kuphela abaya kungena kwelo lizwe; nditsho abo bangekakwazi ukwahlula okubi kokuhle, abo kanye nanisithi nina boba ngamaxhoba otshaba. Elo lizwe ndiya kulinikela kubo, limiwe ngabo.
40. Ke nina jikani, nisinge entlango ngendlela eya kuLwandle oluBomvu.’
41. “Ke nina naphendula nathi kum: ‘Simonile uNdikhoyo. Ngoko ke siza kujika silihlasele elo lizwe ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wethu.’ Ngenene ke nonke naqulela imfazwe, nicinga ukuba yoba yindlwana iyanetha ukuhlasela eleentaba.