4. Wathi kum: “Mntundini, uze ujonge ngamehlo akho, uphulaphule ngeendlebe zakho, uyithathele ingqalelo yonke into endiza kukubonisa yona, kuba ulapha nje uziselwe loo nto. Uze umzi wakwaSirayeli uwuxelele konke okubonileyo.”
5. Ndabona udonga olujikeleze yonke inkundla yendlu kaThixo. Ubude boluthi lokulinganisa olwaluphethwe yiloo ndoda babuziimitha ezintathu. Yalinganisa udonga, yaza yafumana luziimitha ezintathu ububanzi ngokunjalo nomphakamo.
6. Iye kwisango elijonge empumalanga. Ihambe ngezinyuko zesango, yalinganisa umgubasi walo, yaza yafumana uziimitha ezintathu ukungena.
7. Amagumbi abalindi eludongeni ayeziimitha ezintathu ubude nobubanzi, baza ububanzi beendonga eziwahlula-hlulayo baziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Umgubasi wesango ekungeneni kwevaranda ejongene nendlu kaThixo wawuziimitha ezintathu ukungena.
8. Yaza ke yalinganisa ivaranda yesango.
9. Yayiziimitha ezine ukungena, aza amacala ayo ayimitha ububanzi. Ivaranda yesango yayijongene nendlu kaThixo.
10. Apha ngaphakathi kwesango elijonge empumalanga ayemathathu amagumbi eludongeni macala. Ayelingana omathathu, ngokunjalo neendonga eziwahlula-hluleyo.
11. Ke ngoko yalinganisa ububanzi besango; babuziimitha ezintlanu, ubude bona buziimitha ezintandathu ezinesiqingatha.
12. Phambi kwegumbi eliseludongeni ngalunye kwakukho udonga olusisiqingatha semitha ukuphakama, wona amagumbi aseludongeni enamacala alinganayo aziimitha ezintathu.
13. Yaza ke yalinganisa isango ukusuka emantla odonga olungemva lwegumbi olusedongeni elikwelinye icala kuye kuthi nqo kwelingaphesheya, yafumana ingumgama oziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha phakathi kwawo.
14. Yenze umlinganiso wazo zonke iindonga eziphongomileyo apha ngaphakathi kwesango, yafumana iimitha ezingamashumi amathathu. Lo mlinganiso uthi ngqu ngevaranda ejongene nentendelezo.
15. Umgama ukusuka ekungeneni kwesango kuye kuma entla evaranda wawungamashumi amabini anantlanu eemitha.
16. Phezu kwamagumbi aseludongeni kunye neendonga eziphongomileyo ngaphakathi kwesango kwakwakhiwe udongana olulungqameko luneendawo ezivulekileyo. Kwakunjalo nasevarandeni. Zonke iindawo ezivulekileyo zazijonge ngaphakathi. Iindonga eziphongomileyo bezihonjiswe ngesundu.
17. Le ndoda yandingenisa kwintendelezo yokuqala. Apho ke ndabona amagumbi nendlela egangathiweyo ejikeleze yonke intendelezo. Amagumbi ayayamene nendlela le ayengamashumi amathathu.
18. Le ndlela igangathiweyo yayihamba ithi ngqu emasangweni, ububanzi bayo bulingana nobude bawo. Le ke ibiyindlela esemazantsi.