1. “Mntundini, mkhalimele uGogi, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, Gogi, nkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali.
2. Ndiza kukujika ndikurhuqe. Ndiza kukulanda kwelikude emantla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli.
3. Isaphetha sakho ndiya kusibetha siwe kwisandla sakho sasekhohlo, neentolo zakho ziwe kwisandla sakho sasekunene.
4. Wena nawo wonke umkhosi wakho nesizwe sakho siphela niya kufela ezintabeni zakwaSirayeli. Ndiya kunenza nibe kukutya kweentaka namarhamncwa.
5. Niya kufela endle elubala, kuba kuthethe mna, itsho iNgangalala uNdikhoyo.