Uhezekile 38:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, bhekisa kuGogi welizwe laseMogogi, inkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali; umkhalimele

3. uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, Gogi, nkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali.

4. Ndiya kukujika, ndifake amagwegwe emihlathini yakho, ndikurhuqe nomkhosi wakho uphela, amahashe akho, umkhosi okhwele amahashe otsho ngezingaziwayo izivatho, isihlwele sonke siphethe amakhaka neengweletshetshe, bonke beqhiwule amakrele abo.

5. IPeshiya neKushe nePuti ziya kuba phakathi kwabo, bonke bephethe amakhaka, benxibe iminqwazi yokuzikhusela,

6. neGomere nomkhosi wayo uphela, neBhete-togarma iya kuvela kwelikude emantla nomkhosi wayo wonke, intlaninge yezizwe ezilapho kuwe.

7. “Lunga, uhlale uchophile; nelo bandla ulihlanganisileyo uhlale uligqalile.

8. Emva kweentsuku ezininzi uya kufunzwa umkhosi wakho. Kwiminyaka ezayo uya kuhlasela ilizwe elinoxolo, elibantu balo bahlanganiswe kwintlaninge yezizwe baza kutsho kwiintaba zakwaSirayeli ebekusoloko kusenkangala kuzo. Bakhutshwe ezizweni, ke ngoku bahleli bengalindele ngozi.

9. Wena nomkhosi wakho uphela nentlaninge yezizwe niya kunyuka nivuthuza okwesiphango; niya kufana nelifu eligubungele umhlaba.

10. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mini uya kuceba iqhinga elingendawo.

Uhezekile 38