1. Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo.
2. Wandijikelezisa phakathi kwawo, ndaza ndabona amathambo amaninzi ethe waca apho entlanjeni; ayesele ome nko.
3. Waza wathi: “Mntundini, angaba saphila na la mathambo?”Ndaphendula ndathi: “Nguwe owaziyo, Mhlekazi Ndikhoyo.”
4. Wathi ke kum: “Shumayeza la mathambo, uthi kuwo: Mathambondini omileyo, yivani ilizwi likaNdikhoyo!
5. Itsho iNkosi uNdikhoyo kula mathambo ukuthi: Ndiya kufaka umoya kuni ukuze nidle ubomi.
6. Ndiya kunamathelisa imisipha kuni, ndigqume ngenyama, ndize ndinambathise ngolusu. Ndiya kunifaka umoya, nize nibe ngabaphilayo. Niya kutsho nazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
7. Ndashumayela ke njengoko ndandiyalelwe. Ndathi, ndisashumayela njalo, ndeva isandi esirhwashazayo, aza amathambo ahlangana, ithambo ladibana nelinye.
8. Ndajonga kwaza kwavela imisipha nenyama kuwo, ambathiswa ngolusu, kodwa ayengekabi namoya.
9. Waza wathi kum: “Shumayeza umoya; wushumayeze, mntundini, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Moyandini, yiza uvela kwimimoya yomine, uphefumlele abafe ngekrele, khon' ukuze babe ngabaphilayo.’ ”