Uhezekile 36:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Itsho ke ngoko iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndimisa isibhozo ndisithi iintlanga ezimelene nani nazo ziya kungcikivwa.

8. “Kodwa nina, zintaba zakwaSirayeli, niza kuvelisa amasebe neziqhamo zibe zezabantu bam amaSirayeli, kuba sebeza kugoduka.

9. Ndiyavelana nani, ndaye ndiza kunibonelela; niza kulinywa nihlwayelwe.

10. Ndiya kunandisela abemi, nditsho nkqu yonke indlu kaSirayeli. Ziya kuba nabantu izixeko, avuswe amabhodlo.

11. Ndiya kulandisa inani labantu nemfuyo; ziya kuchuma zande. Ndiya kumisa abantu kuni, kube ngcono kuni kunangaphambili. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.

Uhezekile 36