Uhezekile 33:11-19 Ibhayibhile (XHO96)

11. Yithi kubo: ‘Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo; akundikholisi ukufa kwabakhohlakeleyo. Ndithanda ukuba baguquke, bahlukane nezenzo zabo zobugwenxa, badle ubomi. Guqukani! Guqukani kwiindlela zenkohlakalo. Ngani ukuba nide nife, ndlundini kaSirayeli?’

12. “Ngoko ke, mntundini, yithi kubantu bakuni: ‘Ubulungisa bomntu olilungisa abuyi kumsindisa mhla wakreqa; nenkohlakalo yokhohlakeleyo ayiyi kumeyelisela xa athe wahlukana nayo. Nelungisa xa lithe lakreqa aliyi kuvunyelwa lidle ubomi.’

13. Ukuba ilungisa ndilixelele ukuba liya kudla ubomi, laza lakreqa kuba likholose ngobulungisa balo, bonke ubulungisa balo buya kulityalwa; liya kufa ngenxa yesono salo.

14. Ukuba ndithe kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza yena wazohlwaya, wenza okulungileyo –

15. waza wayibuyisa loo mpahla bekubanjiswe ngayo ngumboleki, wayibuyisa impahla ayibileyo, wenza ngokwemimiselo yobomi, wahlukana nobubi, ngokwenene akayi kufa, uya kudla ubomi.

16. Akukho nasinye isono sakhe esiya kukhunjulwa. Kaloku wenze okufanelekileyo nokulungileyo – inene, uya kudla ubomi.

17. “Kanti noko abantu bakuni bathi: ‘Indlela aqhuba ngayo uNdikhoyo ayinabulungisa.’ Ukanti yindlela yabo engalunganga.

18. Ukuba umntu olilungisa uyakreqa ebulungiseni, enze ububi, uya kufa ngenxa yezono zakhe.

19. Kanti ukuba umntu okhohlakeleyo uthe wazikhwebula enkohlakalweni, wenza okulungileyo, uya kudla ubomi ngenxa yoko.

Uhezekile 33