Uhezekile 32:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi elinambini yonyaka weshumi elinambini ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseJiputa, uthi kuye:“Kuphelile kuwe, ngonyama yezizwe!Unjengegongqongqo elwandlexa uzibhija-bhija kuloo mlambo wakhouwagxobha-gxobha amanzi ngezo nyawo zakho,atsho amdaka amanzi emlanjeni.

3. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:Ndiza kuza nesihlwele sabantu,ndikubambise ngomnatha,baze bakurhole ngawo.

4. Ndiya kukuphosa emhlabeni,ndikugibisele elubala.Iintaka ziya kuhlala phezu kwakho;zonke izilwanyana zehlabathi ziya kukwenza ixhwayelo.

5. Ndiya kuyisasaza ezintabeni inyama yakho;iintlambo ziya kuzala ngamaxhwayelo akho.

6. Igazi lakho liya kuqukuqelalizalise ilizwe kude kuye ezintabeni;inyama yakho iya kuzalisa zonke iingxingwa.

7. Xa ndikucima igama,ndiya kuligquma izulu,ndizigubungele iinkwenkwezi.Ilanga ndiya kulisitha ngelifu;inyanga ayisayi kukhanya.

8. Phezu kwakho ndiya kukucima ukukhanya kwezulu,ndihlise ubumnyama phezu kwelizwe,itsho iNgangalala uNdikhoyo.

9. “Intlaninge yezizwe yosuka ikhathazekezakuva ngokutshatyalaliswa kwakho,nditsho namazwe ongazange uwazi.

Uhezekile 32