1. Ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi elinambini yonyaka weshumi elinambini ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2. “Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseJiputa, uthi kuye:“Kuphelile kuwe, ngonyama yezizwe!Unjengegongqongqo elwandlexa uzibhija-bhija kuloo mlambo wakhouwagxobha-gxobha amanzi ngezo nyawo zakho,atsho amdaka amanzi emlanjeni.
3. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:Ndiza kuza nesihlwele sabantu,ndikubambise ngomnatha,baze bakurhole ngawo.
4. Ndiya kukuphosa emhlabeni,ndikugibisele elubala.Iintaka ziya kuhlala phezu kwakho;zonke izilwanyana zehlabathi ziya kukwenza ixhwayelo.
5. Ndiya kuyisasaza ezintabeni inyama yakho;iintlambo ziya kuzala ngamaxhwayelo akho.
6. Igazi lakho liya kuqukuqelalizalise ilizwe kude kuye ezintabeni;inyama yakho iya kuzalisa zonke iingxingwa.
7. Xa ndikucima igama,ndiya kuligquma izulu,ndizigubungele iinkwenkwezi.Ilanga ndiya kulisitha ngelifu;inyanga ayisayi kukhanya.
8. Phezu kwakho ndiya kukucima ukukhanya kwezulu,ndihlise ubumnyama phezu kwelizwe,itsho iNgangalala uNdikhoyo.
9. “Intlaninge yezizwe yosuka ikhathazekezakuva ngokutshatyalaliswa kwakho,nditsho namazwe ongazange uwazi.