Uhezekile 29:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngosuku lweshumi elinambini kwinyanga yeshumi kunyaka weshumi, ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, bhekisa kukumkani waseJiputa, umkhalimele yena nayo yonke iJiputa.

3. Yithi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ndiyalwa nawe, kumkani waseJiputa,gongqongqo elikhulu elilele tywaa kwiintlambo zeNayile.Uthi: ‘INayile yeyam;ndazidalela mna ngokwam.’

4. Kodwa ndiya kukufaka igwegwe phakathi kwemihlathi,ndizitsho iintlanzi zeentlambo zakho zinamathele emaxolweni akho.Ndiya kukurhola ndikukhuphe emlanjenizijinga njalo iintlanzi emaxolweni akho.

5. Ndiya kukuphosa entlango wena nezo ntlanzi zasentlanjeni.Uya kuwa elubala, ungaqokelelwa bani.Ndiya kukunikela kwizilwanyana zasendle neentaka zezulu,ube lixhoba lazo.

Uhezekile 29