Uhezekile 25:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, bhekisa kuwo ama-Amon, uwakhalimele,

3. uthi: Yivani izwi leNkosi uNdikhoyo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yokuba nathi: ‘Tshotsho!’ kwisibingelelo sam mhla saxajelwa, nakwilizwe lakwaSirayeli mhla labhukuqwa, nakwisizwe sakwaJuda mini sathinjwa,

4. ke mna ndiza kuninikezela kwisizwe sasempuma, nize nibe sezandleni zaso. Baya kumisa iikampu zabo, beme phakathi kwenu; baya kuzitya iziqhamo zenu, bawatye amasi eenkomo zenu.

5. IRabha ndiya kuyenza ibe lidlelo leenkamela; yona iAmon yoba ligquba leegusha. Xa kunjalo ke niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.

6. Kaloku itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Naqhwaba izandla, nadyusha ngenxa yemincili, nalivuyelela izwe lakwaSirayeli.

Uhezekile 25