Uhezekile 25:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, bhekisa kuwo ama-Amon, uwakhalimele,

3. uthi: Yivani izwi leNkosi uNdikhoyo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yokuba nathi: ‘Tshotsho!’ kwisibingelelo sam mhla saxajelwa, nakwilizwe lakwaSirayeli mhla labhukuqwa, nakwisizwe sakwaJuda mini sathinjwa,

4. ke mna ndiza kuninikezela kwisizwe sasempuma, nize nibe sezandleni zaso. Baya kumisa iikampu zabo, beme phakathi kwenu; baya kuzitya iziqhamo zenu, bawatye amasi eenkomo zenu.

5. IRabha ndiya kuyenza ibe lidlelo leenkamela; yona iAmon yoba ligquba leegusha. Xa kunjalo ke niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.

6. Kaloku itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Naqhwaba izandla, nadyusha ngenxa yemincili, nalivuyelela izwe lakwaSirayeli.

7. Ngenxa yoko ndiza kusolula isandla sam, ndinenze nibe lixhoba leentlanga. Ndiya kuninqamla kwezinye izizwe, ubuzwe benu bufadalale. Ndiya kunibhubhisa nitsho nazi ukuba uNdikhoyo ndim.”

8. Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “IMowabhi neSeyire zithi: ‘Jonga, indlu kaJuda ifana nezinye izizwe ngoku.’

9. Ngenxa yoko ndiza kuliyekela ngeentshaba ilizwe laseMowabhi, nditsho iqhayiya layo, izixeko zayo ezisemdeni, iBhete-yeshimoti, iBhali-meyon, neKiriyatayim.

10. IMowabhi kwakunye nama-Amon ndiza kuyinikezela ibe lilifa lezizwe zasempuma, khon' ukuze ama-Amon angaze akhunjulwe ezimbalini zezizwe.

11. Ndiza kuyohlwaya iMowabhi. Iya kutsho indazi ukuba ndinguNdikhoyo!”

12. Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “IEdom ikhuphe isixhiba kwindlu kaJuda, yaza ngokwenjenjalo yanetyala elikhulu.

Uhezekile 25