Uhezekile 21:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Baya kuqonda ngoko ke bonke abantu ukuba mna Ndikhoyo ndilikhuphile ikrele lam esingxobeni salo; kwaye alisokube liphinde libuyele.

6. “Ngako oko, mntundini, yenza incwina! Yenze phambi kwabo incwina yentliziyo eyaphukileyo nokudandatheka okukhulu.

7. Bakuthi bakubuza: ‘Yincwina yani na le uyenzayo?’ wophendula ngelithi: ‘Ndenziwa ludaba oluzayo. Luya kuzenza iintliziyo zibe nedyudyu, aphele amandla ezandleni; iya kudakumba imiphefumlo, agevezele amadolo.’ Luyeza! Luyeza, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

8. Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

9. “Mntundini, shumayela uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Ikrele, ikrele,intshengeca ebengezelayo,

10. eseyilungele ukugwaza,ibengezela okombane ulenyeza.Khawutsho, nyana,ngaba singavuya naumsimelelo ugeca yonk' imithi?

11. Ikrele selilungele ukusulwa ligudelize kuthiwa hlasi ngesandla;ewe, lilolwe labengezela,lilungele isandla somgwazi.

12. Khala wenze isijwili, mntundini,kuba liza kudla kubantu bam,liza kudla ezinkosini zakwaSirayeli.Ziza kuba sisisulu sekrele zona nabantu bam.Hlunguzelisa intloko wena;

13. luyeza lona uvavanyo.Bekutheni ukuze uwudele umsimelelo?Hayi, alusayi kuba nampumelelo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

14. Ngako oko shumayela, mntundini,ude ubethe ngesandla.Ikrele maligwaze kabini,okanye kude kube kathathu.Likrele lokutshabalalisa;ewe, ikrele lokubhubhisa liza kuvela macal' onke.

15. Ziya kugubha iintliziyonabafayo baya kuba yinyambalala,kuba ikrele lentshabalalo liya kuba kumasango onke.Awu! Liya kumenyezela okombane,kuba lithiwe qhiwu ukuze ligwaze.

Uhezekile 21