4. Ayisikwanga inkaba yakho mhla wazalwa; awuhlanjwanga nangamanzi ukuze ucoceke; awuhlikihlwanga nangetyuwa; awusongelwanga nangengubo.
5. Akubangakho mntu uvelanayo nawe, ukuze abe nemfesane akwenzele ezi zinto. Kodwa suka walahlelwa phandle, kuba ubujongelwe phantsi mini wazalwa.
6. “Ndathi ndidlula ndakubona ukhaba-khaba egazini lakho, ndaza ndathi, ulele njalo egazini lakho: ‘Phila!’
7. ndakukhulisa okwesihluma edlelweni. Wakhula wahluma waba njengelona litye lihle kumatye aqaqambileyo, antshula amabele akho, zakhula neenwele zakho, kodwa wawuze.
8. “Ndadlula kwakhona emva kwexesha, ndathi ndakukujonga ndabona intombi eseyifikisile, ndaza ndakwambathisa ngesondo lengubo, ndabufihla ubuze bakho. Ndafunga ndenza umnqophiso nawe, waba ngowam ke ngoko, itsho iNkosi uNdikhoyo.
9. “Ndakufaka emanzini, ndalihlamba igazi kuwe, ndakuthambisa ngamafutha.
10. Ndakunxiba ilokhwe ehonjisiweyo, ndakufaka iimbadada zothwathwa, ndakunxiba ilinen ecikiziweyo, ndakwambesa iingubo zexabiso.
11. Ndakuhombisa ngamatye anqabileyo, ndakufaka izacholo ezingalweni nentsimbi yomqala entanyeni yakho.
12. Ndaza ndakufaka amacici empumlweni nasezindlebeni zakho, ndakuthwalisa isithsaba esihle entloko.
13. Ewe, wawuhombe ngegolide nesiliva; izinxibo zakho zizezelinen ecikiziweyo nelaphu lexabiso elihonjisiweyo. Ukutya kwakho ibingowona mgubo ucoliweyo, nobusi, namafutha omnquma. Waba mhle kakhulu ngokungathi ungukumkanikazi.