Uhezekile 16:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, yixelele iJerusalem ngezenzo zayo ezinezothe,

3. uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiJerusalem ukuthi: Imvelaphi nenkaba yakho ikwilizwe lamaKanana; uyihlo ngumAmori, unyoko engumHiti.

4. Ayisikwanga inkaba yakho mhla wazalwa; awuhlanjwanga nangamanzi ukuze ucoceke; awuhlikihlwanga nangetyuwa; awusongelwanga nangengubo.

5. Akubangakho mntu uvelanayo nawe, ukuze abe nemfesane akwenzele ezi zinto. Kodwa suka walahlelwa phandle, kuba ubujongelwe phantsi mini wazalwa.

6. “Ndathi ndidlula ndakubona ukhaba-khaba egazini lakho, ndaza ndathi, ulele njalo egazini lakho: ‘Phila!’

7. ndakukhulisa okwesihluma edlelweni. Wakhula wahluma waba njengelona litye lihle kumatye aqaqambileyo, antshula amabele akho, zakhula neenwele zakho, kodwa wawuze.

8. “Ndadlula kwakhona emva kwexesha, ndathi ndakukujonga ndabona intombi eseyifikisile, ndaza ndakwambathisa ngesondo lengubo, ndabufihla ubuze bakho. Ndafunga ndenza umnqophiso nawe, waba ngowam ke ngoko, itsho iNkosi uNdikhoyo.

Uhezekile 16