9. Ndajonga ndabona amavili amane, lilinye ngakwisithunywa esimaphiko ngasinye; amavili ayebengezela okwekrizolite.
10. Ngembonakalo ayefana omane. Ivili ngalinye lalingathi linqumleze elinye ivili.
11. Xa zihamba zisiya nakuliphi na icala kumacala omane ezijonge kuwo izithunywa ezimaphiko amavili ayengajikelezi, izithunywa ezimaphiko zisiya nakweliphi na icala ejonge kulo intloko zingajika-jiki.
12. Wonke umzimba wazo, umhlana, izandla, namaphiko, wawungamehlo nje, ngokunjalo namavili lawo.
13. Ndeva amavili la kusithiwa ngabajikelezi.
14. Isithunywa ngasinye sasinobuso obune: obokuqala yayibobesithunywa esimaphiko, obesibini ibobomntu, obesithathu ibobengonyama, obesine ibobokhozi.
15. Zenyuka ke izithunywa ezimaphiko. Yayizeziya zidalwa ziphilayo ndandizibone ngasemlanjeni iKebhare.
16. Bezisithi zakusuka izithunywa, namavili ahambe; zithi zakuwatwabulula amaphiko azo izithunywa, zilungiselela ukuphakama emhlabeni, amavili ebengasuki ecaleni lazo.
17. Bezithi zakuma izithunywa ezimaphiko, nawo amavili eme; zithi zakuphakama izithunywa ezimaphiko, nawo amavili aphakame, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo wawuwalawula namavili.
18. Ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bashenxa emgubasini wendlu kaThixo, bathi gubungu phezu kwezithunywa ezimaphiko.
19. Ndisakhangele njalo izithunywa ezo zawatwabulula amaphiko, zenyuka emhlabeni, kwaza ekusukeni kwazo namavili esuka. Zaza zema esangweni elisempuma yendlu kaNdikhoyo, ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buhleli phezu kwazo.
20. Ezi zidalwa ziphilayo zezi ndazibona zixhase uThixo kaSirayeli ngasemlanjeni iKebhare. Ndaza ke ndaqonda ukuba zizithunywa ezimaphiko.
21. Sisinye sasibuso bune, namaphiko emane, nezinto ezingathi zizandla zomntu apha phantsi kwamaphiko.