8. Ewe, Ndikhoyo, sihlelwe lihlazo; ookumkani bethu neziphathamandla, ndawonye noobawo-mkhulu, xa sisonke sonile kuwe.
9. Kambe ke, wena Mhlekazi, Thixo wethu, nangona sakuvukelayo, uhlala unemfesane uxolela.
10. Wena Ndikhoyo, Thixo wethu, asikuphulaphulanga, asihambanga ngokwemiyalelo yakho owasinika yona ngezicaka zakho abashumayeli.
11. USirayeli ephela uyigqithile imithetho yakho, waphambuka akavuma ukulithobela izwi lakho.“Ngenxa yokona kwethu ke uNdikhoyo uzithulule phezu kwethu zonke iziqalekiso ngokwesifungo sakhe esibhaliweyo emthethweni kaMosis isicaka sakhe.
12. Ngale ntlekele ingaka uwafezekisile amazwi awasilumkisa ngawo thina neenkokheli zethu. Ehlabathini jikelele iJerusalem uyohlwaye ngqongqo ngendlela engazange yabakho.
13. Ewe, ubuthululele phezu kwethu bonke ububi obukhankanyiweyo emthethweni kaMosis. Kambe nangoku asikayelelisi ekumkholiseni uNdikhoyo uThixo wethu ngokujika kubugwenxa bethu; asikayinyamekeli inyaniso yakhe.
14. Ke uNdikhoyo wayehleli ethe qwa, waza wasihlisela le ntlekele, kuba yena Ndikhoyo uThixo wethu ulilungisa kuko konke akwenzayo, sabe ke thina singaliphulaphulanga ilizwi lakhe.