25. Ngoko nangoko ke uAriyoki waya noDaniyeli kukumkani, wafika wathi: “Kubathinjwa bamaJuda ndifumene umntu onako ukukulawulela iphupha lakho, mhlekazi.”
26. Ukumkani wabhekisa kuDaniyeli owayebizwa ngegama elinguBhelteshazare, wathi: “Uza kuba nako ukundixelela iphupha lam, utyhile nentsingiselo yalo?”
27. UDaniyeli uphendule wathi: “Hayi, mhlekazi, akukho zilumko, nditsho oosiyazi, nabenzi bemilingo, nezanuse, ezinako ukukuchazela le mfihlakalo uyibuzayo.
28. Kambe ke ukho uThixo osezulwini ozityhilayo iimfihlakalo. Ke, mhlekazi, kumkani uNebhukadenezare, yena ukwazisa izinto eziya kwenzeka kwimihla ezayo. Nali iphupha lakho, nditsho umbono ofike engqondweni yakho usalele esililini sakho:
29. “Kaloku uthe usalele, mhlekazi, suka iingcamango zakho zaya kutsho kumaxesha azayo; ke uThixo ongumtyhili weemfihlakalo ukubonise izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.
30. Ke mna le mfihlakalo andiyityhilelwanga kuba ndilumkile kunabo bonke abanye abantu, koko ndiyiboniswe khon' ukuze wena kumkani uyazi intsingiselo yephupha lakho, kananjalo uziqonde iingcamango ezifike engqondweni yakho.