6. Amahlwempu niza kuwathenga ngesiliva,abasweleyo nibafumane nokuba kungeembadada,nithengise nkqu nangomdlungu wengqolowa.
7. UNdikhoyo, iqhayiya likaYakobi, ufunge esithi:“Ndikhonje, andisobe ndizilibale nanini na izenzo zabo!
8. Aliyi kunyikima na ilizwe ngenxa yoku,baze benze isijwili bonke abemi balo?Awuyi kuphakama na umhlaba uxele iNayile,uphinde uthothe njengaloo mlambo waseJiputa?”
9. Nguwo lo umlomo weNkosi uNdikhoyo:“Ngaloo mini ilanga liya kutshona emini emaqanda,kube sisithokothoko emhlabeni ngexesha lasemini.
10. Amatheko enu aya kujika abe yinzila,iingoma zenu zibe sisililo.Niya kuzibhijela amarhonya nizile,iintloko zenu zibe nenkqayi.Kuya kuba ngathi ningumntu ozilele umntwana okuphela kwakhe.Loo mini yesiphelo iya kuba krakra.”
11. Nguwo lo umlomo weNkosi uNdikhoyo:“Seyisondele imihla yokuba ndihlise indlala ehlabathini,ingabi kukulambela ukudla okanye ukunxanelwa amanzi,koko ibe kukufuna ukuva amazwi kaNdikhoyo.
12. Baya kubhadula abantu, bebheka ngapha nangapha,bathi bengasentla babe bengasempumalanga,bezingela ilizwi likaNdikhoyo.Kambe ke abasayi kulifumana.
13. “Ngaloo mini iinzwakazi neenzwana ziya kuyoba lunxano.
14. Abo bafunga loo nto ilihlazo laseSamariya,besithi: ‘Ekhonje uthixo wakho, Dan,’besithi: ‘Ikhonje indlela abanyuka ngayo abantu ukuya kunqula eBheshebha,’bona baya kuwa, bangabi sabuya bavuke.”