7. Ngoko ke kuya kuqala kuthinjwe nina,aphele loo matheko enithe zava kuwo.
8. INkosi *uNdikhoyo ifunge igama layo;ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,uthi: “Ndiyalicekisa ikratshi lenzala kaYakobi;ndithiye nkqu loo mabhotwe bahlala kuwo.Ke ngoko isixeko nako konke okukuso ndiza kusinikela kwiintshaba.”
9. Kumzi ekukho ishumi lamadoda kuwo, aya kufa.
10. Siya kuthi isizalwana esingcwabayo xa siphakamisa isidumbu sisikhuphela ngaphandle ukuze sitshise amathambo, sakubiza umntu osengontsini yendlu sisithi: “Ngaba uwedwa apho?” aze athi: “Ndindedwa!” isizalwana eso sithi: “Yithi cwaka; igama likaNdikhoyo malingakhankanywa kule nto.”
11. Niyabona, uthethile uNdikhoyo;umzi omkhulu uwudiliza ube ngamabhodlonomncinane ube ziintanda.
12. Akhe aphale na amahashe emaweni?Ngaba ukho olima apho ngeenkabi zeenkomo?Kodwa nina ubulungisa nibujike baba yityhefu,nokunyaniseka nakutsho kwaba likhala elikrakrayo.
13. Nivuyiswa kukuthimba iLodabhare,futhi niqhayisa ngokuthi iKarnayim nayoyisa ngamandla enu.
14. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,uthi: “MaSirayeli, ndinizisela isizwe!Siza kuniphatha gadalala ukususa kulaa ngxingwa yaseHamatikude kuye kutsho kulaa ntili ingaseArabha.”