Siya kuthi isizalwana esingcwabayo xa siphakamisa isidumbu sisikhuphela ngaphandle ukuze sitshise amathambo, sakubiza umntu osengontsini yendlu sisithi: “Ngaba uwedwa apho?” aze athi: “Ndindedwa!” isizalwana eso sithi: “Yithi cwaka; igama likaNdikhoyo malingakhankanywa kule nto.”