10. Kuya kubakho isidima newonga noxolo kubantu bonke abenza okulungileyo, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.
11. Kaloku uThixo akanamkhethe.
12. Bonke abonileyo bengekho phantsi *komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.
13. Kaloku abantu abalungileyo ngokukaThixo asingabo abo bawuva nje umthetho bangayenzi into oyithethayo. Ngabo bayenzayo into eyalelwa ngumthetho abangamalungisa.