17. Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.
18. Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.
19. Nam ndithandazeleni, ukuze uThixo andiphe udaba xa ndithethayo, ndibe nesibindi sokuyivakalisa injongo yakhe eyayifihlakele, ndixela iindaba ezimnandi.
20. Mna ndingunozakuzaku obanjiweyo ngenxa yazo. Ndithandazeleni ukuze ndithethe ngesibindi, njengoko kufuneka ndenjenjalo kakade.
21. Njengoko kuyimfanelo ukuba nive ngemeko nempilo yam, uTikiko uya kunazisa ngazo zonke ezo ndaba. Yena nguwethu othandekayo, isicaka esithembekileyo emsebenzini weNkosi.