6. Olu daba ke lolokuba iintlanga ziziindlamafa ndawonye namaJuda, zibandakanywe nawo. Bonke bayimbumba yamanyama. Nazo ziyabuxhamla ubuncwane bezithembiso zikaThixo ezenziwa kuYesu Krestu.
7. Zinjalo ke iindaba ezimnandi endingumququzeleli wazo ngenxa yesisa uThixo andenzele sona ngokusebenza kwamandla akhe.
8. Mna ndingoyena mncinane kubantu bakaThixo. Kodwa uThixo undinike ilungelo lokuba ndishumayele iindaba ezimnandi ezintlangeni, ndithethe ngobubele obungaphicothekiyo bukaKrestu,
9. ndiqondise bonke abantu indlela esebenza ngayo imfihlelo yecebo likaThixo. UThixo onguMdali wezinto zonke walifihla eli cebo kuwo onke amaphakade adluleyo,
10. ukuze ngoku, ngalo ibandla, ubulumko bukaThixo obuntlobo-ntlobo buvakaliswe kuzo izilawuli nabasemagunyeni kweliphezulu.
11. Le nto uThixo wayenza ngokwenjongo yakhe engunaphakade awayimisa ngoYesu Krestu iNkosi yethu.
12. Ngokumanywa naye ke singena siyokutsho kuThixo ngenkqu sikhululekile, sinesibindi ngenxa yokukholwa kuye.
13. Ndiyanibongoza ke ukuba ningadakumbi kukuba ndixhwalekile ngenxa yenu; le meko iludumo lwenu.
14. Ngenxa yale nto ke, ndizikhahlela phantsi phambi koBawo,
15. uYise walo lonke usapho olusezulwini nasemhlabeni.