1. Kungesi sizathu ke, mna Pawulos ongumbanjwa kaYesu Krestu ngenxa yenu zintlanga, ndimthandaza nje uThixo.
2. Kambe ndiyacinga ukuba nivile ukuba uThixo undimisele ndaba ligosa lobabalo lwakhe ngenxa yenu.
3. UThixo wandityhilela icebo lakhe ebelingaziwa mntu, njengoko sendichazile ngokufutshane.
4. Xa nithe nayifunda ke, noba nako ukuyilandela indlela endiluqonda ngayo udaba olungoKrestu.
5. Kwizizukulwana ezingaphambili abantu abazange balwaziswe olu daba. Kodwa ngoku uThixo ulutyhilile ngaye uMoya oyiNgcwele, kubo *abathunywa *nabashumayeli bakhe.
6. Olu daba ke lolokuba iintlanga ziziindlamafa ndawonye namaJuda, zibandakanywe nawo. Bonke bayimbumba yamanyama. Nazo ziyabuxhamla ubuncwane bezithembiso zikaThixo ezenziwa kuYesu Krestu.