Kumahebhere 9:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umnqophiso wokuqala wawunemimiselo eyayenzelwe unqulo. Wawunaso nesicamagushelo esasenziwe ngabantu.

2. Kaloku kwakukho intente eyenziweyo; igumbi layo lokuqala kwakusithiwa yindawo engcwele. Kulo kwakukho indawo yokubeka isibane, kukho netafile, kunye nesonka esinikelwe kuThixo.

3. Emva komkhusane wesibini kwakukho elinye igumbi. Le ndawo yona kwakusithiwa yeyona ndawo ingcwele.

4. Apho kwakukho iqonga legolide, elaliyindawo yesiqhumiso. Kwakukho netyesi yomnqophiso eyayiqatywe ngegolide. Ngaphakathi kuyo kwakukho isitya segolide esasiphethe *imana, kukho nenduku ka-Aron eyakha yantshula amagqabi, kukwakho namacwecwe omnqophiso.

5. Ngaphezu kwaloo tyesi kwakundanda imifanekiso *yezithunywa ezimaphiko ezibonakalisa isithozela nendili kaThixo, ithe naa amaphiko ngaphezu kwendawo yokucamagushela. Andizi kunika ncukacha ke ngalo mba.

6. Ngokwale nkqubo, ababingeleli babesoloko bengena kwelokuqala igumbi, baqhube khona iinkonzo zabo.

7. Kodwa kwelesibini igumbi kwakungena umbingeleli omkhulu kuphela, kanye ngonyaka. Naye kwakufuneka ephethe igazi aza kungxengxezela ngalo izono zakhe kwakunye nezo abantu bazenze bengaqondi ukuba bayona.

8. UMoya oyiNgcwele ubonisa ngokucacileyo ukuba ngale nkqubo, xa kusekho igumbi lokuqala, ayikatyhilwa indlela eya kweyona ingcwele indawo.

9. Yonke le nquleqhu yayingumfuziselo nje wala maxesha sikuwo. Loo minikelo naloo madini amiselweyo akanako ukuyenza ifezeke intliziyo yomnquli.

10. Ngamatile-tile nje lawo aphathelele kwizinto ezityiwayo neziselwayo, nentlambuluko yangaphandle – yimimiselo nje ekhoyo kude kufike ixesha lenguqulelo entsha.

11. Kodwa selefikile ngoku uKrestu, umbingeleli omkhulu wezinto ezintle ezikhoyo. Intente angena kuyo yena inkulu, iyayigqwesa eyomnqophiso wokuqala. Yona ayenziwanga mntu. Ndithetha ukuthi asiyiyo yeli hlabathi lidaliweyo.

12. Igazi ledini asililo leebhokwe namathole, ligazi lakhe buqu. Kungoko ke wangenayo kwaba kanye kuphela kweyona ingcwele indawo, wasizuzela inkululeko yamaxesha onke.

Kumahebhere 9