Kumahebhere 8:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kodwa ke uThixo uyabagxeka; uthi:“ ‘Kuza imihla,’ itsho iNkosi,‘apho ndiya kwenza umnqophiso omtsha namaSirayeli kunye nabantu bakwaJuda.

9. Ngumnqophiso ongayi kufana nondawenzela ooyise-mkhulu,mhla ndabakhokela ndibakhupha eJiputa.Bayidela imimiselo yomnqophiso,nam ke ndabafulathela,’ itsho iNkosi.

10. ‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi:‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam,ndiyishicilele ezintliziyweni zabo,ndibe nguThixo wabo,bona babe ngabantu bam.

11. Abayi kuba safundisana ngamelowo umntakwabo,elowo ummelwane wakhe,besithi: “Yazini iNkosi;”kuba bonke baya kundaziukususela koyena mncinanekuse koyena mkhulu.

12. Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.’ ”

13. Xa ke uThixo ethetha ngomnqophiso omtsha, loo nto ithetha ukuba uthi umnqophiso wokuqala ugugile, seluphelelwe, uza kutshitsha kwakamsinya.

Kumahebhere 8